UMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (CoGTA) uVelenkosini Hlabisa uvumile ukuba kufuneka ungenelelo olukhawulezileyo eMpuma Koloni.
Oku kuza emva kwezikhukula ezishiye amaxhoba amaninzi engenamakhaya, ukanti kuqikelelwa ekubeni bangamashumi asixhenxe anethoba amaxhoba athe aphulukana nemiphefumlo klondonakele.
Amaphondo amane, aquka iMpuma Koloni, abandakanywe kuluhlu lwemeko yeentlekele kuzwelonke ukuvumela amasebe karhulumente kumanqanaba onke ukuba angenelele.
Izandyondyo zemvula ezikhokelele kwizikhukula eMpuma Koloni ezisube imiphefumlo yabantu abaninzi kweli phondo. Umongameli weli u Cyril Ramaphosa, inkulumbuso u Oscar Mabuyane kunye nomphathiswa ka Cogta uVelenkosini Hlabisa, batyelele eMthatha ngomhla weshumi elinesithathu ukuyogxwala emswaneni.
UHlabisa uchaza ukuba urhulumente wenza ntoni emva kwezikhukhula …
Izolo senze udidi lwentlekele yesizwe kwaye kukho umahluko phakathi kokuhlelwa kunye nesibhengezo. Ukuhlelwa linyathelo lokuqala, siyenze intlekele kazwelonke phantsi kokuhlelwa okubandakanya amaphondo amane: iMpuma Koloni, iKwaZulu-Natal, iFreystata kunye neNtshona Koloni. ukuqinisekisa ukuba ungenelelo olwaneleyo luyenziwa.”