AMAXHOBA ESIPHANGO EMPUMA KOLONI AZAKUNCEDWA YI GIFT OF THE GIVERS

Umbutho ojongene noluntu, iGift of the Givers, ungenelele ukuncedisana noluntu lwaseMpuma Koloni oluthe lwachaphazeleka kakubi zizivunguvungu zakutsha nje.

Isithethi sikamasipala, uAli Sablay, uthi bathe gqolo ukucela uncedo emva kwezaqhwithi ezibangele umonakalo kumasipala wengingqi yase-Elundini, Senqu, Walter Sisulu, Amahlathi neGreat Kei, kwakunye nomasipala wesithili saseChris Hani, naseAmathole.

Ukwathe iziseko zophuhliso zichaphazeleke kakhulu, kucinywe umbane kwiindawo ezithile, ngelixa iindlela ziye zakhukuliseka, kunye neendawo zokucoca amanzi zichaphazeleke kwezinye.

USablay uthe abanye abahlali bonzakele xa amakhaya abo ethe tyaba ngokuyinxenye okanye ngokupheleleyo.

Uthi iGift of the Givers, ithumele amaqela kumasipala wesithili saseJoe Gqabi ukuba ahambise ukutya okungxamisekileyo, iingubo, neebhedi zokulala kwiintsapho ezichaphazelekileyo.

“Amaqela alawula iintlekele aphantsi komhlaba ukuze ahlole iindawo ezichaphazelekileyo kunye nobungakanani bomonakalo.

“Amaqela eGift of the Givers asebenzisana kakhulu nephondo leMpuma Koloni namaqela alawula iintlekele zengingqi ukuvavanya iindawo ezichaphazelekayo,” utshilo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *