AMAPOLISA AZOKUNGENA UMZI NOMZI ONOMCIMBI

Nanjengoko inyanga yoMnga iyinyanga ebaseleyo ekubhiyozeleni imicimbi eyahlukeneyo efana ne; imigidi, imitshato, imbeleko, ukuvulwa kwemizi njalo-njalo.

Abankwantsana bazokundwendwela yonke imizi esingathe imicimbi nalapho bazokucela ukubona ubugqina(Slip) bempahla exheliweyo ukuba ingaba ithengwephi.

Ukuba abukho ubungqina bempahla leyo uyithengileyo kuzonyanzeleka abankwantsana bayithathe inyama, kwaye usotheko uyokujamelana nengalo yomthetho.

Oku kubhentsiswe nguMkomishinala wamapolisa waKwaZulu-Natal uNjengelele Nhlanhla Mkhwanazi.

“Ngexesha leziyolo kulapho oonqevu bezitabhela khona besenza ubusela bemfuyo, ngoko ke sizama ukulwa lomkhuba wobusela bemfuyo,” Mkhwanazi.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *