Amapolisa kweli leMpuma Koloni, kumasipala ombhaxa we Buffalo City Metro, kwidolophu yaseMonti atyholwa ngokophula iminyango ze aqhwabe ibhinqa elikhulelweyo abetha nomnikazi wendlu kwilokishi yase Dimbaza, kwingingqi yase Polar Park.
Ngokwengxelo yexhoba ogama lingu Dr Wandi Gamedze, nowaziwa njengenyangi nenkokheli yenkonzo iNhahleni Apostolic Church in Zion of South Africa, uthe ngezithuba ibethile intsimbi yeshumi elinanye ngobusuku bangoMvulo, umhla weshumi kle yoMdumba, wathi xa ebuya endlini wafika kugcwele ngamadoda anemipu emikhulu. “Ndithe ndisamangalisiwe ukubona lemipu, ndabuza ukuba kwenzeka ntoni ndinganceda ngantoni? Ingaba zikho impepha zokufuna ungena endlini bagqogqe? ndabe ndibona” uqhubile uGamedze ezama ukunika oonondaba umfanekiso ngqondweni wolusuku. “ndithe ndisabuze lombuzo yajika yonke lemipu yakhomba kum kwathiwa ndilale ngesisu ndabethelwa uMariya nezicaka” utshilo.
Ixhoba eli lithi liyile kwagqirha ze lasa nebhinqa eli elikhulelweyo nalapho enze I J88 ze wavulela lamapolisa ityala. Kukholeleka ukuba lamapolisa akhange azixele ukuba asukaphi ngokwesitishi necandelo, kwaye khange aveze iimpepha ezigunyasisayo ukuba bangaguqulula bagqogqe, nanjengoko benikwe umkhondo orhanela ukuba umzi lo ka Gamedze nekukhonzelwa kuwo ngamakholwa ase Zion ukuba uthengisa iziyobisi. Ngokwengxelo yababekhona bebonile okanye bebandakanyeka ekubethweni ngabomthetho, iimpepha zikhutshwe phambi kokuba ahambe amapolisa kodwa khange amnike afunde kwaye ngethuba ekhangela awafumenenga nto ngaphandle komkhono wekati onempepha ezisemthethweni.
Ngethuba oonondaba ezama ukuva icala labakwantsasana ngakulomba ngakwisithethi samapolisa u Colonel Siphokazi Mawisa akhange aphendule de kwabe kuyashicilelwa elinqaku.
Ngokokutsho kuka Lungile Mabona oligqwetha lexhoba, uthe ufumene umnxeba osuka ku Wandi Gamedze ezinzulwini zobusuku ngoMvulo malunga nalomba. “unditsalele umnxeba ummangali wazama undizobela okwehlileyo esithi amapolisa ebehamba ngezithuthi eziluhlono le bus ebhalwe Cambridge, uthi ke ubuze impepha zokuba bangene bagqogqe sangena isihlangu walaliswa ngobuso phantsi. Xakuvela ababesendlini befuna ukuqonda undonakele babethwa kwakhatywa ibhinqa eli likhulelweyo embanjeni wabe ezama unqanda bamkhaba wopha indlebe” uqhubile ke esithi nanjengegqwetha unikiwe amandla okuba awumele lomba kwaye ucebisile ngamanyathelo amawathathwe ngokuba asinabulungiswa esisenzo. Ugqibele ngelithi lo ammeleyo nolixhoba angaliphumelela elityala ngakumapolisa ngoba kwa iimpepha khange bamnike azifunde kwaye ukholelwa ukuba abaphandanga nzulu phambi kokuba batyelele eDimbaz, ikwasisizathu sokuba bangafumani nto ngoba ixhoba eli liyinkokheli yenkonzo kwaye lihloniphekile ekuhlaleni. “elityala linobuzaza kwaye bamjongise ngendlela esisimanga ngezityholo ezingenasihlahla zokuba kukholeleka ukuba uthengisa iziyobisi kwaye unomkhono wekati ongenampepha, kumelezelekile ukuba umthetho uthathe indawo”