AHLANGULWE AMAXHOBA EZIZIKHUKHULA ZEMVULA YALE MPELAVEKI

Emva kwezandyondyo zemvula ezihlasele iindawo ezininzi zeli phondo kule mpelaveki eMpuma Koloni, urhulumente wephondo uvule amaqela olawulo lweentlekele ukuba anike impendulo ekhawulezileyo kuluntu oluthe lwachaphazeleka ngokumandla zizikhukula.

Iphondo lithwaxwe zizikhukula kunye nemozulu embi, kuquka iBuffalo City kunye nomasipala ombaxa weNelson Mandela. Ngelishwa, kukho nabantu abaliqela abaphulukene nemiphefumlo eNelson Mandela Bay, kuquka ibhinqa elineminyaka engamashumi asibhozo ubudala eKariega, nendoda enamashumi amathandathu ubudala eKwanobuhle. Abantu abaliqela baye bahlangulwa baza babekwa kwiindawo zokuhlala zethutyana, bebonelelwa ngokutya neengubo emva kokuba amakhaya abo achaphazeleke kanobom.

Izikhukhula Kwiphondo LweMpuma Koloni

Imisebenzi yokuhlangula iyaqhubeka nakumasipala weBuffalo City, apho amaqela ophando nohlangulo asakhangela umntwana oneminyaka engamashumi amabini ubudala olahlekileyo nokhukuliswe ngamanzi eDawn, eMonti. Kwelinye icala, kuhlangulwe umntwana oneminyaka eli-13 ubudala eAmalinda Forest esaphila.

USithembiso Soyaya, othethela umasipala weNelson Mandela Bay, ukhankanye iiwadi ezichaphazelekileyo eziquka iwadi 29, 31, 38, 47, 40, 53, kwakunye newadi 18. Ukongezelela, uthe bangaphezulu kwewaka abahlali abakhutshiweyo kwaye basiwa kwiindawo zokhuseleko eNelson Mandela Bay. Kumasipala ombaxa weBuffalo City, iiwadi ezilishumi elinanye ezichaphazelekileyo ziquka iDucats, Pefferville, Duncan Village, Cambridge Location, Mzamomhle, Reeston, Stoney Drift, Mdantsane, kunye neGompo.

Izandyondyo zemvula kunye nezikhukula nazo ziye zafunyanwa kwisithili sase-OR Tambo, eSarah Baartman, naseAmathole, apho iindlela, iibhulorho, kunye nezindlu ziye zonakala. Ezizikhukula zikwakhokelele ekuvalweni kweendlela kwiindawo ezichaphazelekayo, oku khokelele ekuphazamisekeni kweenkonzo kwiindawo ezithile. Iziqithi zemvula ziye zabangela ukunqunyulwa kombane ngenxa yemithi ewela kwiintambo.

USodolophu weNelson Mandela, uVan Niekerk, ngelixa evisisana nengingqi yaseKariega, wathi wothukile ukubona umntu oswelekileyo olele kwisitalato iKamesh ngexesha lalentlekele. Wongeze wathi, “Ngaphandle kweendlela ezininzi ezikhukulisekileyo nezivaliweyo, ndingathanda ukukhumbuza abaqhubi beenqwelo-mafutha ukuba kukho iindlela ezonakeleyo, ingakumbi eKariega, ezinokonakalisa izithuthi zabo. Simema abahlali ukuba bahlale ezindlini kwaye baphephe iimeko zemozulu kangangoko banako.”

IGift of the Givers ingomnye wemibutho engenzi nzuzo ethe yahlangula abantu abahlaselwe yintlekele. UCorene Conradie weGift of the Givers uthe sele bencede iintsapho ezimalunga namawaka amathathu eBuffalo City naseNelson Mandela Bay. Uqhube wathi, “Kuze kube ngoku, sincedile amadlelo oluntu amane eBuffalo City, amaziko angamashumi amabini eNelson Mandela, sinike ingubo, oomatrasi, nezinto zococeko lobuqu. Kuzo zonke ezo ndawo, kugcwele iintsapho ezingaphezu kwekhulu.”

Urhulumente ubongoza uluntu ukuba lulumke kwaye luphaphe ngakumbi kwiindawo ezichaphazelekileyo. Kulungiselelwe rhoqo izilumkiso ezivela kwiinkonzo zemozulu zoMzantsi Afrika. Abantu bakwabongozwa ukuba bayeke ukuwela kwiindlela ezigcwele amanzi kunye neebhulorho xa umgangatho wamanzi unyuka. Urhulumente wephondo uthumela amazwi ovelwano kwiintsapho eziphulukene nabantu ababathandayo emva kwezikhukula ezitshabalalisayo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *