ABAFUNDI BASIKOLO I-ZAMEKA BAKHALAZELE UNGAHOYWA LISEBE LEZEMFUNDO

Baphume ngendlu abafundi besikolo samabanga aphakamileyo i-Zameka, ngomhla weshumi elinanye,kweyoKwindla, bekhatshwa ngabazali beyokuma phambi kwamasango esikolo esiphakamileyo iBisho High, ukubabonisa ukuba bona kungoku abakwazi ukubhala.

Abafundi bathi babone ukuba iSebe lezeMfundo lihoye kakhulu iBisho High, nto leyo eyenze ukuba bayokubabonisa intlungu abajongene nayo nanjengesikolo esikufuphi samabanga aphezulu kwidolophu eBisho.

Ukanti iZameka le sele ineminyaka engamashumi amahlanu isisikolo esifundisayo, kodwa ngokwengxelo yabazala igosa lesebe ebelithunyelwe ngomhla weshumi lidize elokuba esisikolo asaziwa ncam lisebe kwaye asikho kuluhlu lwezikolo ezizakuthi zilungiswe ngurhulumente. “Siphakanyiswe yintlungu yokubona abantwana bethu befundela phandle kwimeko embi, kungoku abakwazi ukubhala ngokuba azikho ii class ubusika buyeza, urhulumente usithumele umntu apha okuthwa ngu Valancia wasixelela ba asaziwa esisikolo kwaye asikho kuluhlu njani?” Utshilo umzali intlungu ivakala elizwini.

Abazali bakwadize elokuba kunyaka ka 2019, iSebe lihamba nendlu yowiso mthetho, lafika lathembisa ngokulungisa iskolo ngonyaka ka 2028 ngoku bothuswa ngulomba baqonda bayabaxhasa noko abantwana. Iingxelo zithi esisikolo sakhiwa ngabazali kwaye zange uRhulumente asibonelele ngesakhiwo esitsha. “Oko sakhiwa ngabazali kudala, asikaboni urhulumente efaka sandla yonke into iyingxaki nditsho nendlu yangasese, abantwana beskolo bangaphaya kwamakhulu amathandathu (over 600) baninzi kwaye abafundiseki kwigumbi ngalinye igcwele” ushilo umzali.

Isithethi seSebe lezeMfundo uMalibongwe Mtima uthe, igosa likhutshiwe lisebe ukuyokucela ubambiswano de kuqale unyaka mali omtsha noqala kwinyanga elandelayo kaTshazimpunzi.

Abazali bavumile elokuba lifikile igosa, nalapho likhuphe isithembiso esibhaliweyo phantsi sokuzisa amagumbi ethutyana okuncedisana nesikolo. Batshilo nelokuba bathembisile ngokumane betyelela iskolo malunga nengxoxo ngokubheka phambili.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *