Kubhubhe abantu abaliqela kwingozi Emasikizi kuhola wendlela u-N2 Kufuphi naseMonti ngalentseni, ukanti abanye bakholeleka ukuba basambeke kumadangatye
Kungquzulene iimoto ezimbini ku-N2 kufuphi naseMooiplaas kusasa nje, kude kufuphi neMonti, ze kwabhubha abantu abaliqela, , njengoko imozulu embi iqhubeka nokuchaphazela iindawo ezininzi zeMpuma Koloni.
Ngokutsho kwesithethi seSebe lezoThutho eMpuma Koloni, u-Unathi Binqose, enye yeemoto, eyisedan, Iye yavutha ngumlilo emva kwengozi, logama abanye babakhweli bebikwa ukuba basambeke phakathi kwamadangatye.
“Amaqela eenkonzo zikaxakeka namapolisa asasebenza kwindawo yengozi, ngelixa unobangela wale ngozi kunye nenani elichanekileyo lababhubhileyo lungejaqinisekiswa, bayabongozwa abaqhubi kulammandla baqaphele”, utshilo uBinqose.
ISebe lezoThutho libongoza bonke abasebenzisi bendlela bezithuthi ukuba baqhube ngononophelo olukhulu ngenxa yeendlela ezimanzi nezityibilikayo, inkungu enciphisa ukubonakala, kunye nomngcipheko womkhenkce kwezinye iindawo ezimimango yePhondo. Kananjalo abaqhubi bayacelwa ukuba banciphise isantya, bagcine umgama okhuselekileyo phakathi kweemoto, bakhanyise izibane, baze baphephe uhambo olungeyomfuneko de kuphucuke iimeko zemozulu.
#DevelopingStory #NewsUpdate #accident #N2 #easterncape