“NDINGAFUNDANGA NDINJALO, KODWA NDIYAPHUPHUMA NGAMAVA

Ebetyatyadula ngokunga ubotshwe emnweni, ezikhankanya zonke iindawo athe waxelenga kuzo.

USizwe Kupelo(48), namhlanje ubevele kwiNkundla yamatyala orhwebo, kuGompo.

Uyavuma ukuba akanalo nelinjani ikhephe-khepe, gxebe iqwaku-qwaku leMatriki, ngaphandle nje kweli lomgunyathi, futhi akanayo nenjani i-‘Degree.’

Namhlanje ubephekwa esophulwa ngemibuzo, kwaye angajongana neminyaka eli-15 ethothoza eziseleni.

Isicelo sakhe sokuchithwa kwamatyala wakhe phantsi kwalomthetho; (Section 174 of Criminal Procedure Act), sikhatyelwe kude.

Ityala lizakuqhuba de lifikelele esiphelweni. Ngoku kulindeleke ukuba ingqina likarhulumente liqabele emkhumbini ngomso umhla we-16 kweyeKhala 2026.

Uthi xa ethetha lento yakhe, yena usebenzile kwisikhululo sosasazo i-Unitra Community Radio, eMthatha.

Ubeyintatheli yokuqala eyancokola nexhego laseQunu, utata uNelson Rholihlahla Mandela, kwaye uwunyengezele noMhlobo Wenene fm iindaba abezichola-chola ngokwakhe.

Hayi maan!, zininzi ezizinto lo tata azingca ngazo kwelibholo lakhe lokuqhuba imisebenzi emikhulu engenanto esandleni. Mandiyeke apho

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *