Isuke yayinto eqhelekileyo kwiphondo leMpuma Koloni umoya othi uze ngamandla. Seyiminyaka emibini ukuya ngaphezulu abantu beshiyeka bebambe ongezantsi ngenxa yezinganeko ezenziwa lutshintsho lwemo yezulu. Usuku lwangecawa umhla wamashumi amabini anesine kweyoKwindla kulo umiyo kwilali yakwa Saki, eXesi ibelusuku abangasoze balulibale apho lishiye iintsapho ezinitsi zingenandawo zokufihla intloko. Lomoya ebekhatshwa yimvulana wenze umonakalo omkhulu washiya ewise neepali zombane.
“Soze ndikwazi ukuyichana into eyenzekileyo ngokuba mna bendibuya ecaweni, ibingabantwana ebendibashiye endlini nabo bathi bothuswe kukunyuka kwephahla, bathi bokubona ukuba baphandle babalekele kumzi okufutshane nalapho befike isehlo sisinye baqonda mababuyele endlini bangena kwigumbi lokulala ebililo ke ebeselishekile. Kodwa ukuza kwayo lento ibengathi ngumgqumo wento okanye imvula esho kude. Ndibabuzile ababendibuya nabo ecaweni ukuba bayayiva na lento kuba ke bendicinga yimoto eza emva kwethu kodwa ke bekungekho nto izayo, kwaba kanti kuwa izindlu zethu kwelinye icala kuba ke singakhonzi kwelicala sihlala kulo” utshilo uLuzeka Rasi ongomnye wamaxhoba.

Uqhubile esithi ngomhla wesinganeko umntu owayepha endlini yakhe waye watslela uceba umnxeba embuza ukuba uvile ngesiganeko esi kwacaca ukuba ebengekavi ngaso kuba engekho kwaselalini, kodwa ngokuhlwa kwalamini ibekhona imoto eye yangena kwimizi yabhalisa noxa ifike sekukumnyama abanye abantu sebengekho beyocela ukufihla intloko ezihlobeni zabo, ukuqonda iye yafika ngomvulo kuye.
Ngokokutsho kwabahlali oko isinganeko sehlile uceba khange bambone baye baceba umhlangano welali wangolwesibini wamashumi amabini anesithandathu kweyeKwindla kulapho ke uceba othe wava ubushushu balo mhlangano uye wavela sesithi uza noSodolophu wase Raymond Mhlaba ozaza nepasile zokutya kodwa engazi nazo kumaxhoba onke ezophathela abathandathu kuphela. Kulapho ke ilali iye yambuza uceba ukuba ngubani ozoginya abanye bengetyi makamxelele uSodolophu makajike nako okokutya kwakhe. Ngomhla wangomvulo uthe uLizeka omnye wabantu ebekhe bavela kubo ibeyi Nkosana yelali apho nayo iye yabathembisa ukuba izokuyisa komkhulu uluhlu lwamagama amaxhoba.

Njengoko intsuku zihamba uye uceba wafika ehamba ne Gift of the Givers apho iye yabashiya nepasile zokutya kunye nengubo enye emzini ngamnye noko ke akufani kodwa yena nosapho lwakhe basaxhwarhe esikolweni sentsana (chreche), baye kenabo onotlalo-ntle no Sassa bangena babhalisa banethemba ke emva kwaleholide yepasika bazozifumana impendulo ezizoba ncumisa.
Uceba u-Songezo Mashengqana uthe sebeqalile ukuhlola umonakalo bekunye neqela asebenzisana nalo, kwaye sele bethumele nakwisebe lophuliso loluntu kunye nesebe lentlekele (disaster) apho lamasebe izakuba ngawo azoyazi ukuba yintoni angancedisa ngayo ekhawulezileyo. Ukujonga ukuba bahambe baphelaphi nalamasebe uceba uthi basalindile ukubuya kwempendulo kodwa abayazi ukuba izothatha ixesha elingakanani noxa ke lamasebe asebenzisana nawo sele eyithathile nawo inkxaxheba yokuza ukuzihlolela umonakalo. Sizamile ukunxulumelana nenkosana yelali kodwa umxeba wayo ukhala epalini.