Amapolisa aseMpuma Koloni athi indoda eneminyaka engamashumi amahlanu ubudala iza kuvela phambi kwenkundla kamantyi eMaXesibeni ngoMvulo, we-20 kweyoMqungu, malunga nesiganeko sokudutyulwa kwamalungu osapho amabini aneminyaka elishumi elinesithandathu nengamashumi amathathu anesithathu (33).
Isithethi samapolisa uLieutenant-Colonel Siphokazi Mawisa, uthi abanye abantu abane abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ubudala nabo badutyulwe benzakele kwaye bakwimeko emaxongo esibhedlele.
Uthe esi sehlo senzeke kwindawo yaseMkhambathini ngaphandle kwaseMaxesibeni ngoLwesihlanu xa ooduladula abane abanxibe iibalaclava bavulela ngeembumbulu kumakhaya amabini.
UMawisa uthi aba bantu babini, inkwenkwe nebhinqa, babulewe, ngelixa abanye benzakala kwindlu yesibini.
Uthi umrhanelwa ubanjwe ngoMgqibelo ejongene namatyala amabini okubulala namane okuzama ukubulala.
Amapolisa asajonge abanye abarhanelwa abathathu kwaye nabani na onolwazi olunokukhokelela ekubanjweni makaqhagamshelane nesikhululo samapolisa esikufutshane okanye atsalele inombolo yeSAPS CrimeStop 08600 10111.