UZAKUBUYELA ENKUNDLENI NGENJONGO ZESICELO SEBHEYILE UMRHANELWA OTYHOLWA NGOKUBULALA EZWELITSHA

Abahlali belokishi yaseZwelitsha eQonce bedibene namalungu eNokwanda Pactoka GBV (Gender Based Violence) Foundation badibene ngomhla weshumi elinesibhozo eyoMqungu kwikhothi yaseZwelitsha beqhanqalazela umrhanelwa uZondwa Dzengwa ukuba angatsho ukufumana ibheyile, injongo zalomqhanqalazo kukulwela ububulungisa bexhoba uBabalwa Ngcakani ohlatywe wabulawa ngumlingane wakhe uZondwa.

INokwanda Pactoka GBV foundation ijongene nokuqinisekisa uluntu ngobubanzi abasetyhini, abantwana namadoda ngokukodwa kwimiba enxulumene nobundlobongela obusekwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini.

Sele iyiminyaka eminithathu iqhuba le Fondation kodwa sebenezinga lempumelelo lamashumi alithoba eepesenti kumatyala abathe bazibandakanya nawo ekuqinisekiseni ukuba ubulingisa buyenziwa.

Ngokwengxelo malunga nentsimbi yesine ekuzeni kusa ngomhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga eyoMga umfi uyewandwendwela umrhanelwa nanjengeqabane lakhe, kucacile ukuba ikhona into eyayibangela uxambuliswano phakathi kwabo kwabe kanti umtyholwa uhlaba umlingane wakhe amanxeba alishumi elinesihlanu.

UMongezi olilungu losapho lomfi uthe asibaphathi kamnandi esisehlo nanjengoko kuvakala ukuba umrhanelwa akaqali ukubandakanyeka kwizityholo zokubulala,uqhube ngelithi “umfi ebenomntwana ozokugqiba iminyaka emihlanu kolonyaka umiyo, lomntana kukhona ululeko lasengqondweni azakulidinga nanjengoko ebeqhele ukulala nonina, naxa esiya eskolweni ebelungiswa nguye kodwa ngok besingathanda ukuba afumene into enokuncedisa ukumelana nalemeko akuyo”.

UAsonele Melaphi ongumseki weNokwanda Pactoka GBV foundation uthe bancedisana kakhulu neentsapho zamaxhoba ezikwimeko yokulahlekelwa ngamalungu osapho, ucacisile esithi “ sixhasa intsapho zamaxhoba ukuba zithethelele ubulungisa kubantu ababathandayo abaphulukene nobomi ngenxa yokubulawa kwabasetyhini.Siyile foundation siye sinikezele ngeengcebiso kwintlungu yosapho ukunceda bajongane kwaye bamnkele isimo sokulahlekelwa”.

Ngokwengxelo,owayesakuba ngumhlali eZwelitsha  uMandla Mabe, ungqinile ngezityholo zokubandakanyeka komrhanelwa ekubulaleni  kwiminyaka edlulileyo esithi ayiqali  ukwehla ngoku esisiganeko, zazikhona izityholo ngakuDzengwa kodwa ke ityala azange lihambele entweni laphela emoyeni. Yiyolonto ke ebangela ukuba kurhoxiswe ibheyile de kube ngumhla weshumi elinesihlanu eyoMdumba khona ukuze kuzokwenziwa uphando oluphamgaleleyo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *