UVELE KWINKUNDLA YAMATYALA OJAMELENE NEZITYHOLO ZOKUBULALA UNINA

Indoda etyholwa ngokubulala umama wayo owayesele ikhulile kwilali yaseSherwood eGqeberha iphinde yavela kwakhona kwinkundla kamantyi yesiXeko ngoLwesibini.

UChristo Nel oneminyaka engamashumi amathamdathu anesine ubudala, ubekwa ityala lokubulala emva kokuba umzimba kanina ubhaqwe kwigumbi lakhe lokulala unamanxeba amaninzi entloko.

Enkundleni ngoLwesibini, le ndoda irhoxile ekubeni isithi iza kuzimela xa isungula isicelo sebheyile, yathi ngoku ifuna iinkonzo zegqwetha labucala.

Nangona kunjalo, oku kuya kuqinisekiswa ngokusemthethweni xa sele evile kumntakwabo, awayecele uncedo lwemali.

Urhulumente ukwaveze ukuba akakakulungeli ukuqalisa ngesicelo sebheyile nanjengoko ebengekabinayo iprofayile yakhe kunye nenye idilesi.

Indaba ze Algoa FM bezikhe zaxela ngaphambili ukuba amapolisa akwathi umpu wokuzingela, ekukholelwa ukuba sesona sixhobo sisetyenziswe kwesi sehlo, uthinjwa ukuze kwenziwe uhlolisiso.

Ityala lihlehliselwe umhla wesibini kuSeptemba ukuze igqwetha lakhe lize libhalwe phantsi.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *