Abahlali bakwaTshatshu baphume belinani ukuyokuma phambi kwenkundla yamatyala yaseZwelitsha beyokuthi abafuni afumane ibheyile umrhanelwa wasetyhini, notyholwa ngokuhlaba wabulala lowo behlekisana naye.
Lomrhanelwa uvele enkundleni yaseZwelitsha ngomhla wesine kule yoMnga. Ingxelo zithi lo wasetyhini oneminyaka engamashumi amabini anesine ubudala, uhlabe wabulala iqabane lakhe ngosuku langeCawa umhla wokuqala walenyanga yoMnga, ezinzulwini zobusuku.
Ozalana noCamagu Sebe ongasekhoyo, u Nontozamo Sebe nabakhula bonke kwilali yakwa Tshatshu uthe, belusapho basothukile abakayikholelwa le ithe yabehlela. Uqhube wathi “eyonanto isenzela uxinezelelo ezingqondweni kukuba umbone umntu kusasa litshone ilanga kuthwe akasekho, ihlobo nje eyenzeke ngayo yenza singakwazi uyamkela sibebuhlungu oluhlobo” ugqibelise ngelithi belusapho banqwenela ubulungiswa, umrhanelwa abhadle entolongweni ngesisenzo.

Obethethela abahlali nosisihlobo esikufutshane nosapho u Sibongile Stefane uthe, isehlo senzeke ngeCawa ebusuku yena wazosiva ngentsasa yangoMvulo. Uqhubile esithi esisiganeko sibelilishwa kwaye esisizenzo abasixhasi bengabahlali, uqhube ekhankanya isehlo sebhinqa elahlatyelwa ngasesangweni lakowalo liqabane lakhe, nto leyo ebenza baphakama bengabahlali nangoku ke abanokuthula yilonto bephumile ngobuninzi uzokubonisa ukuba abasixhasi esisenzo sokubulawa kwabantu kwilali yabo.”Njengabahlali asifuni afumane ibheyile sifuna ubulungiswa, umrhanelwa makaxoxe eseziseleni de afumane isigwebo” ugqibele ngelitshoyo
Imibutho engajonganga nzuzo ibikhona ukuyoxhasa efana ne Nokwanda Patocka GBV Foundation kunye ne Zwelitsha Women and Children Support Center. Othethela i Zwelitsha Women and Children Support Center uNomathemba Gebenga Sturmaan uthe lixesha ngoku lokuba ootata baphakame ngokuba nabo bayahlukumezeka bathule, uqhube esithi banqwenela ubulungiswa ngakulowo ungasekhoyo ohlukunyezwe libhinqa ngokungenalusini.