Iphinde yavela enkundleni indoda etyholwa ngokudlwengula nokubulala u-Amantle Samane oneminyaka emithandathu ubudala.
Kulindeleke ukuba aziphendulele kwinkundla ephakamileyo eRhawutini.
UPhethe Simiao ujongene nezityholo zokubulala, ukudlwengula, ukuxhwila, kunye nokwaphula umthetho we-Immigration Act.
U-Amantle wanyamalala kwikhaya lakhe e-Orlando West kuTshazimpunzi wonyaka ophelileyo, nto leyo eyabangela ukuba kukhangelwe.
Umzimba wakhe wafunyanwa kwityotyombe likaSimiao elikufutshane neOrlando East.
Lo mfana uneminyaka engamashumi amabini anesine wabanjwa kweyeDwarha kwaye usahleli eluvalelweni emva kokulahla isicelo sakhe sebheyile.