Urhulumente wephondo ubhiyozela impumelelo kaQhawekazi noMelissa

Amagqiyazana amabini aphakamise iflegi yeMpuma Koloni kwelona nqanaba liphezulu lokhuphiswano loonobuhle eMzantsi Afrika kutshanje. Urhulumente wephondo uvuyisana noQhawekazi Mazaleni (24) othweswe isithsaba sikaMiss South Africa 2025 kunye noMelissa Nayimuli (29) othweswe isithsaba sikaMiss Universe South Africa.

Umsitho kaMazaleni wenzeke ngoMgqibelo, umhla wama25 kweyeDwarha 2025, ngelixa uNayimuli ebebhengezwe ngoLwesithathu, umhla wama22 kweyeDwarha, yinkampani iAfrican Beauty International, ngoku ephethe imvume yokusingatha uMiss Universe SA, ukuba uza kube emele uMzantsi Afrika kuMiss Universe kweyeNkanga.

“Le mpumelelo ayipheleli nje ekubhiyozeleni ukugqwesa kwabo kodwa ikwaqaqambisa italente, ubuhle, nokomelela okuthe gqolo kuvela eMpuma Koloni,” sitshilo isithethi sikarhulumente ephondweni uKhuselwa Rantjie.

URantjie uthe impumelelo yabo emangalisayo libhongo elikhulu kunye nenkuthazo kubantu baseMpuma Koloni nakwilizwe ngokubanzi. “Ngaphandle kobuhle kunye nengqondo yabo, babonakalise ukuzinikela okunzulu ekuphakamiseni nasekuqhubeni utshintsho oluhle kuluntu,” utshilo.

Inkulumbuso uOscar Mabuyane uyiqhwabele izandla impumelelo yabo, ebachaze “njengesibane sethemba noonozakuzaku bokwenyani beli phondo.” Uthe: “Ezi nzwakazi zenze iMpuma Koloni yazingca. Impumelelo yabo kukubhiyozela amandla amaphupha, ukusebenza nzima kunye nokunyamezela.

“Bamele umoya wabantu abatsha bethu abathe gqolo ukoyisa imingeni kwaye baqaqambe kumaqonga kazwelonke nawehlabathi. Siqinisekile ukuba baya kusebenzisa eli thuba ukukhuthaza abanye nokukhuthaza iinqobo zokuthobeka, uvelwano nobunkokeli,” utshilo uMabuyane

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *