Ijaji echophele ityala lokubulala uSenzo Meyiwa, uRatha Mokgoatlheng, ugwebe ngelithi urhulumente angambuyisela umhlalutyi wedatha yeselula uColonel Lambertus Steyn ukuze acacise izinto ezingangqinelaniyo. Amadoda amahlanu asematyaleni kwinkundla ephakamileyo ePitoli ngokubulala uMeyiwa.
Ukapteni weBafana Bafana wadutyulwa wabulawa ngo-2014 ngelixa ekwikhaya labazali bakaKelly Khumalo eVosloorus eGauteng eMpuma Randi.
USteyn wayekhe wangqina ngaphambili ukuba imvumi uKhumalo, owayeyintombi kaMeyiwa ngelo xesha, wayenxibelelana nomtyholwa ongunombolo 5 uFisokuhle Ntuli phambi kokubulawa kukaKapteni webhola ekhatywayo.
Umhlalutyi wedatha yeselula osele esidla umhlala phantsi uSteyn ngaphambili wangqina malunga neefowuni ezimbini ezityholwa ngokuba phakathi kukaKhumalo noNtuli ngomhla we-2 ku-Agasti nowe-15 ku-Okthobha 2014. Xa uPinky Vythilingam wakwaVodacom ekhupha iinkcukacha zakhe, wafunda iinombolo ezimbini ezahlukeneyo kubungqina obufakwe nguColonel Steyn.
Oku kukhokelele ekubeni abezokhuselo babhale oku kungafaniyo kwidatha njengobuqhophololo obunokwenzeka okanye ukuphazamisa. Nangona kunjalo, umtshutshisi wombuso uGeorge Baloyi uthi oku asikokuphikisana kodwa kukungaqondwa kobungqina.
UJaji Mokgoatlheng ukwathe ubhidekile bubungqina obunikwe nguColonel Steyn malunga nokuba ufumanise njani ukuba la manani mabini abandakanyekayo anxulumene nomtyholwa wesi-5 kwaye ugwebe isicelo sombuso.