UMPHATHISWA KWEZOTHUTHO UBIKE UKUBA KWAMANYE AMAPHONDO LEHLILE IZINGA LEENGOZI

UMphathiswa wezoThutho uBarbara Creecy ubhengeze ngoLwesine ukuba abantu abaliwaka elinamakhulu amane anamashumi amabini anesixhenkxe babhubhile kwiingozi eziliwaka elinsekhulu elinamashumi asixhenxe anesibini kwixesha leeholide zika-2025/26.

Oku kubonisa ukwehla nge-5% kwiziganeko zokufa ezindleleni xa kuthelekiswa nexesha leeholide ezidlulileyo.

Uthe la manani aphawula elona nani liphantsi leengozi kwiminyaka emihlanu kunye nelo nani labantu ababhubhileyo njengakwisizini yeeholide zika-2023/24.

UCreecy ebethetha noonondaba ePitoli, Unike uhlaziyo ngenkqubela phambili kunye neziphumo zokuqala zePhulo leXesha leeHolide lezoKhuseleko eziNdleleni lowama-2025/26, kwakunye neziphumo zokhuseleko ezindleleni zizonke zowama-2025.

“Idatha yokuqala ibonisa ukuncipha kweepesenti ezintlanu kuzo zombini ukufa kunye nokuphahlazeka xa kuthelekiswa nexesha elifanayo kunyaka ophelileyo,” kusho uCreecy

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *