UMONGAMELI WELI UBHEBGEZE ELOKUBA UMPHATHISWA WAMAPOLISA U-SENZO MCHUNU UZAKUMNIKA IKHEFU DE KUGQITYWE UPHANDO

zixhwithaxhwithene okweekati ezilwela inqatha izimvo zabemi boMzantsi Afrika kumakhasi onxibelelwano, ngesigqibo esibekoweyo ngumongameli weli. Isigqibo sokunikwa ikhefu kuka Mchunu siza emva kwezityholo ezibhengezwe ngumkomishinala wamapolisa kwiphondo laKwaZulu-Natal kwimpelaveki ephelileyo.

Umbutho weDemocratic Alliance usamkele isibhengezo sikaMongameli Cyril Ramaphosa sekomishoni yenkundla yophando ngezityholo eziqhumayo ezenziwe nguMkomishinala wamaPolisa KwaZulu-Natal, uNjengele uLieutenant-General Nhlanhla Mkhwanazi.

Oku kuza emva kokuba uRamaphosa ngeCawe ebhengeze ukusekwa kwekomishoni yezomthetho eza kuphanda ngezityholo zorhwaphilizo ezimandundu ezenziwa nguMkhwanazi.

“Ezi zityholo, ukuba zifunyaniswe ziyinyani, zigrogrisa ukujongela phantsi ukuzithemba koluntu kubuchule beNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika ekukhuseleni abemi kunye nokulwa ulwaphulo-mthetho nobuqhophololo,” utshilo uRamaphosa.

Intetho kaRamaphosa ebilindelwe ngabomvu iza kwiveki emva kokuba uMkhwanazi etyhole uMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu ngokungenelela kuphando lolwaphulo-mthetho nokukhusela ubuqhophololo kumthetho.

Okwangoku, uRamaphosa ubeke uMchunu ikhefu waze watyumba uNjingalwazi Firoz Cachalia njengeBambela Mphathiswa wamaPolisa.

UCachalia, ngoku ongunjingalwazi wezomthetho nosihlalo weBhunga leSizwe leeNgcebiso ngoRhwaphilizo, uzakuthatha esi sikhundla ngokusesikweni ngo-Agasti. Kude kube ngoko, uMphathiswa obambeleyo okwiKhabhinethi uzakusebenza okwethutyana, nangona elona lungu leKhabhinethi lingekachazwa igama.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *