UMCIMBI WESIFO SE-TB UFUMANE INGQWALASELA KURHULUMENTE WEPHONDO

Njengenxalenye yokuphakamisa ulwazi loluntu urhulumente weMpuma Koloni wenze isikhumbuzo sosuku lwehlabathi lweTB ePort Alfred phantsi komasipala wengingqi waseNdlambe ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kulo umiyo, lombhiyozo ubuqhuba phantsi komxolo othi “ Yes.You and I can end TB “ lomxholo ugxininisa ukubaluleka kwexanduva njengomntu ozimeleyo njengenxalenye yeqela.

Lilonke inani labantu abavavanyelwe iTB lingama 28 326 ukuquka abantwana abangaphantsi kwiminyaka emihlanu, inani labantu abayeke ukuthatha unyango lweTB lilonke lenza 401, ze inani elipheleleyo labantu abahlolele ugawulayo libe ku 3 330, kwafunyanwa 48 yabantu abathe bafumaniseka benesifo sikagawulayo nabasele beqalise unyango.

Umphathiswa wesebe lezempilo uNomakhosazana Meth ucacise ngomxholo walonyaka esithi “Sidibana phantsi kwalomxholo kuba

 Idemokhrasi yethu eselula kulonyaka ibhiyozela iminyaka engamashumi amathathu ikhona, njengelizwe sifanele ukubhiyoza ,okona kubalulekileyo njengeqela lezempilo phantsi korhulumente olawulayo kuninzi esikuphumezileyo”.

Kukhuthazwa wonke umntu adlale indima yakhe kumlo ochasene neTB. Akukho mntu ekufanele ubulawa yiTB kuba iyanyangeka.

Bayamemelwelwa abantu ukuba bathathe kwaye bagqibe unyango lwabo lweTB.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *