Umasipala waseRaymond Mhlaba Ugxeka Ubundlobongela Obuchaphazela Abasetyhini nabaNtwana

Umasipala waseRaymond Mhlaba uyayichasa ingxaki egqubayo yobundlobongela obusekelwe kwisini, nto leyo ecace gca kuluntu lwethu kwaye ichaphazela abasetyhini nabantwana.

Ityala lihlehlisiwe kwiNkundla kaMantyi yaseDikeni kwinyanga yoMsintsi ngomhla wesibhozo, kulo umiyo.

Aba bathathu abatyholwa kunye nabo kwityala elimanyumnyezi lokubulala uKungawo Nyhweba bavele ngokufutshane kwiNkundla kaMantyi eDikeni kwangoko ngosuku lwangolwesine umhla qamashumi amabini anesithoba. Ityala alikwazanga ukuqhubela phambili njengoko ummangalelwa uNombolo 2 wayengenaye ummeli woncedo lwezomthetho okhoyo. Ngenxa yoko, lo mba uye wathunyelwa kwiNkundla ePhakamileyo yaseRhini ukuze kuwiswe isigqibo seLegal Aid malunga nokumelwa komtyholwa onguNombolo 2.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *