UMASIPALA OMBHAXA WE BUFFALO CITY METRO UNCEDO KANGANGOKO KUBAHLAL

Abawuvali umlomo abahlali baseTsholomnqa ukubona amasebe ohlukileyo karhulumente esebenza kwingingqi yabo, emva kwenkqubo ebibanjwe nguMasipala kunye namanye amaqumrhu abucala nakarhulumente bebambisene ukuqinisekisa ukuzisa iinkonzo zoluntu kufutshane kubo.

Lenkqubo iphiwe igama elithi “Service on wheels” ifike kwa ward 32, ngomhla weshumi elinethoba kweyoMdumba kulo umiyo, kwindawo iTsholomnqa. USodolophu u Cllr Princess Faku, ubeyinxalenye yalenkqubo nalapho eye wabonakalisa uchulumanco ngalenkqubo, nanjengoko iliphulo lokusondela ebantwini nokusondeza iinkonzo zoluntu. 

“Into esiyenzileyo kle ward kukulungisa iindlela, sibambisene neSebe Lezothutho neeNdlela ngokuba iindlela ezininzi ezilapha zezapho. Sityelele nezikolo apho siqwalasela izakhiwo kodwa umphathiswa weSebe lezeMfundo uzakuthi atyelele naye ” utshilo uSodolophu 

“ISebe lezempilo nalo lizokujonga impilo ingakumbi uhlola amanina, ingxaki exhalisayo kungabikho kwezazisi kubantwana (birth certifites) ngoko ke iSebe lezeKhaya likho kunye namanye amasebe ukukhawulelana nazo zonke iingxaki abahlali abanazo, sivise namaxhekwazi kamandi” wavala ngelitshoyo uSodolophu

Umhlali ogama lingu Mxolisi Nkanyana ubulele kwaye uyavuya xa kudizwe elokuba kuzakwakhiwa izindlu kwa Kalikeni eTsholomnqa babenawo namanzi “Ndyambonga ngezandla zozibini urhulumenente wethu ngokuba usiphethe kakuhle, sinqwela iinkampi zethu zibiywe kusinde neemfuyo zethu nathi sibenokulima”

USodolophu kwiveki eziphelileyo uye wahambisa izihlangu zesikolo ezingamakhulu amahlanu. Kungokunje abahlali babhiyozela izindlu ezizakuthi zakhiwe eTsholomnqa

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *