Umasipala ombaxa waseBuffalo City Metro ubhengeze izicwangciso zawo zePasika entle, iholide ezaliswe yiminyhadala kunye neendwendwe, nokhuseleko kunye nemibutho yokhuseleko ibhengeza ukulungela. Lomasipala ulindele ukuthontelelana kwabakhenkethi basekhaya ukuya kumanxweme ayo okuya kuba nefuthe amashishini ahlukeneyo aquka ukhenketho, ububele, izinonelo zolonwabo, ilwandle, imisitho kunye nokusetyenziswa kwendlela.
Ngentsasa yango mvulo umhla wamashumi amabini anesihlanu kweyoKwindla, uSodolophu uPrincess Faku kunye namalungu ekomiti ka sodolophu, basungule ngokusesikweni impelaveki yePasika ekhuselekileyo kunye ne Sebe leeNkonzo zoKhuseleko loLuntu kunye neNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika.
Uphehlelelo lwendlela belwenziwe njenge ndlela yokuvala indlela(roadblock) kuN2 ngase Fort Jackson. Ucele abahambi ukuba babe noxanduva kwaye bathobele imithetho yendlela. Uphehlelelo lubandakanye ukufundwa kwezithuthi zabahlali, ukuskenwa(scanning) kweenombolo-pleyiti nokuba zeziphi na itikiti okanye iziqinisekiso okanye ubusela kunye nokuhlohlwa jikelele ukuba sendleleni besebenzisa eyabo i-Automated Number-Plate Recognition (ANPR) encedisa ekuqokeleleni izohlwayo ezingekahlawulwa, ukwenziwa kwezingunyaziso ezingekabanjwa zokubanjwa kunye nokuqosheliswa kwamatyala amatikiti endlela.
Ingxelo yemisebenzi ehlanganisiweyo iveza oku kulandelayo:
Izohlwayo okanye iisamani ezikhutshelwe ixabiso lama R30800, umzekelo: izithuthi ezingena layisenisi namaphepha-mvume okuqhuba,iziphene njalo, njalo.
Izohlwayo ezihlawuliweyo zingange xabiso : R15300
I-ANPR ibethe: 331 abaphuli mthetho banikwe izikhumbuzo zokuhlawula izohlwayo zabo ezingekahlawulwa
Iziqinisekiso zokubamba (warrant of arrest): zimbini ukuya kwixabiso le-R1800