Umkomishinala wamapolisa uFannie Masemola uthi zange avume ukuchithwa kwegqiza eliphanda ukubulalana kwezopolitiko, watsho esithi uMphathiswa uSenzo Mchunu usilele ukunika isizathu esibambekayo.
Uthi lo myalelo kaMchunu wamkhwankqisa yena nabanye abakwisikhokelo samapolisa kuquka noMkomishinala wamaPolisa KwaZulu-Natal, uNhlanhla Mkhwanazi, owambizayo ukuza kukhalaza.
UMasemola ulincomile eli gqiza, esithi lenza umsebenzi oncomekayo phambi komyalelo kaMchunu.
UMasemola ebenika ubungqina phambi kwekomiti yethutyana yasePalamente ephonononga urhwaphilizo lwamapolisa ngoLwesine.
Uninzi lobungqina bukaMasemola ngoLwesine bugxile kwiqela elijongene nokubulawa kwabantu kwezopolitiko kunye nesigqibo sikaMchunu sokulichitha.
Uthe indlela ekwachithwa ngayo iyakrokrisa kwaye ibinokwenziwa ngenye indlela.
Kodwa uMasemola uthe akukho nto anokuyenza ngaphandle kokulandela imiyalelo.
“Okokuqala, andivumelani nokuchithwa. Andazi ukuba kutheni kusenziwa. Lo myalelo ayisosicelo, yinto ekufuneka ndiyenze kwaye andazi ukuba yintoni esemva kwayo.”
UMasemola uthi uyakuxhasa ukuqhubekeka kwegqiza elichongisiweyo, ingakumbi kunyulo loorhulumente basemakhaya kunyaka ozayo ukuze kuthintelwe nakuphi na ukubulawa kwezopolitiko kwiindawo ezishushu ezifana neKwaZulu-Natal.