UNkosi Zwelivelile ucangcatha ekhondweni likaYise omkhulu, uRholihlahla Mandela, owathi inkululeko yoMzantsi Afrika soze igqibelele ingakhululekanga iPalestina ecinezelwe nguSirayeli oxhaswa yiMelika (USA).
Ngethuba besilwela ukukhululeka koMzantsi Afrika, uMandela nabanye baxhaswa ngamanye amazwe kwade kwalunga. Bagaleleke ngentsasa yoLwesithathu wale veki eKempton Park, eGauteng, bonwabile emva kokugqamisa ukunyhashwa kwamalungelo oluNtu nguSirayeli ebantwini baseGaza.
Kodwa uye wachiphiza iinyembezi xa ebalisa indlela abasokoliswe ngayo. Uthe bekubalulekile bengabantu baseMzantsi Afrika ukuba kubekho into abayenzayo ngentlalo yabantu baseGaza.
Ugxeke iYiphutha engakwazanga ukubancedisa bengekasuki nalapha eMzantsi Afrika nakubeni isithi ufuna kuphele ukubulawa kwabantu. “Emva kokubanjwa kwethu savinjwa ukutya eziseleni. AmaSiyareli asibopha izandla emva koko bazama ukusityhafisa ngelithi sixhasa abanqolobi. Yonke into ebesiyiphethe ibiwe,” utshilo uMandla. kaSirayeli!