Indoda ebanga ukuba ibibambe indibano kwihostele yaseVosloorus ngobusuku awabulawa ngabo uSenzo Meyiwa iyayikhaba ngaw’ omane inguqulelo karhulumente.
Endaweni yoko, uSifiso “Gwabini” Zungu uthe bubuxoki ubungqina bukamalume wakhe, ingqina eliphambili lombuso uConstable Sizwe Zungu.
Uqinisekisa ukuba wambona kuphela ngo-2017 kwaye kwakungengo-2014 njengoko kubango.
UConstable Zungu ubabeke kwigumbi likaGwabini kwihotele yaseBasotho bonke abatyholwa ngobusuku awabulawa ngabo uMeyiwa.
Ubungqina bakhe obuphambili buyaqhubeka ngoLwesibini.