UBANJELWE UKUPHANGA ISHISHINI UMRHANELWA EMONTI

Uzakuvela kwinkundla kamantyi yaseMonti kungekudala umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesibini ubudala obanjwe eMonti emva kokuba amalungu waseMdantsane Flying Squad efowunelwe nguSQ Risk ecela i-backup nanjengoko elandela umkhondo wemfonomfono ebezithathwe kuphango lweshishini obeluseVincent park eMonti.

Kutyholwa ukuba ngoMgqibelo, umhla wesihlanu kweyeKhala, malunga necala ibethile intsimbi yeshumi, amalungu aqhubeke kwisitalato iSt George’s eSouthernwood, apho aye achazelwa khona ngomkhondo wabarhanelwa. Uphando olunzulu lwabakhokelela kumgangatho wesibhozo apho baye bafumana iimfonomfono ezininzi, ii router, kunye nesixa-mali esingachazwanga. Kufunyenwe imipu emibini engenampepha-mvume (i-Norinco 9mm pistol kunye ne-.38 special revolver) kwaye iza kusiwa kuvavanyo lwebhola yebhola (ballistic test).

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesibini ubudala ubanjwe ngokuba nemipu emibini engenampepha-mvume, iimbumbulu kunye nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe njengoko abanye bekwazile ukubaleka xa bebona amapolisa. Kukwabanjwe nemoto yakwaSuzuki nanjengoko ibisetyenziswa kulwaphulo-mthetho. Kwafunyanwa neenombolo zomgunyathi zobhaliso.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *