Ukuqubisana koMzantsi Afrika kwi-Africa Cup of Nations (AFCON) eMorocco kufikelele esiphelweni esidanisayo.
Iintshatsheli ze-AFCON izihlandlo ezihlanu, iCameroon, ibethe abo baphumelele imbasa yobhedu ngo-2024, aBafana Bafana, ngo’2-1 kumdlalo wabo wokuMjikelo weshumi elinesithandathu eRabat.
ABafana Bafana bebengcono kakhulu kwimizuzu elishumi elinesihlanu yokuqala, kodwa i-Indomitable Lions ilufunxe uxinizelelo, yazinza kwisingqi kwaye yabetha macala omabini esiqingatha somdlalo.
UJunior Baptiste Tshamadeu noChristian Kofane oneminyaka elishumi elinesithoba ubudala bafake igowuli ngomzuzu wamashumi amathathu anesine nowama-55 ngokulandelelana, ngelixa u-Evidence Makgopa efake igowuli lokuphumla kade kuBafana ngomzuzu wamashumi asibhozo anesibhozo.
IBafana izakubuyela ekhaya inezinto ezininzi ekufuneka izicingile phambi kweNdebe yeHlabathi yeFIFA eMelika ekupheleni kwalo nyaka, ngelixa iCameroon isiya phambili.
Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos uthi bebenesicwangciso esisiso ngalo mdlalo nanjengoko befumene amathuba amathathu acacileyo.