Ngeenzame zokubeka uncumo kubafundi abangqonge umasipala ombaxa iBuffalo City Metro, umasipala kunye ne Safe Fleet Foundation ne Amalinde Superspar Square banikezele izihlangu ezingamakhulu amabini aneshumi elinesine (214) kubantwana abasweleyo eZiphunzana ngolwesithathu, umhla we shumi elinesine kuleyoMdumba eMonti.
Ukunikezela kwezihlangu kuqale kwisikolo samabanga aphantsi iNompumelelo kwa ward 6, emva koko kwadlulelwa kwisikolo samabanga aphantsi iMakinana kwa ward 7. Eli liphulo lokuqhuba ukuqokelela kwezihlangu ezintsha nezisetyenziswe ngobunono kuluntu nakumashishini asekuhlaleni kwaye ukuze zithunyelwe kubantwana abanezidingo apha kwi metro.
Ethetha kulenkqubo, umseki we Safe Fleet Foundation uNontozamo Ntrizo Xozwa uthe “sikholelwa ngokupheleleyo ukuba ngokudibana neMetro, singakhulisa impembelelo yeenzame zethu kwaye senze umahluko obonakalayo kubomi babantwana besikolo abasuka kumakhaya atsala nzima kuluntulwethu”.Uqhubile esithi, bekunye bangaqinisekisa ukuba wonke umntana uyafikelela kwezizihlangu azidingayo ukuze aphumelele ezifundweni, ngokwentlalo nangokwemvakalelo.
Intloko yePotfoliyo yeZolonwabono Phuhliso Loluntu uGraham Malvin Lottoring uthe “ndifuna ukubulela ISafe Fleet Foudation ngeenzame zabo kuba ndiyaluqonda oluhlobo lomsebenzi luza kunye nexesha elininzi kunye nokusebenza nzima”. Wongeze ngelithi ezona nkokheli zibalaseleyo ehlabathini ngabafundi kwaye uyabakhuthaza ababantwana ukuba bafunde bahambe kwaye banyathele empumelelweni ngezizihlangu.
Uceba Lottering ukwavakalise umbulelo wakhe kwi-Amalinde Spar ngokunikezela ngezihlangu ebantwaneni kwaye waqaqambisa ukuba uSuperspar yinxalenye ye-DNA kamasipala.