Kungoku nje ngabantu abalishumi ekubikwe ukuba babhubhile, ngelixa abanye bathe bashiya amakhaya ngenxa yeemvula ezinamandla eMpuma Koloni.
Urhulumente wephondo uqalise amaqela akhe olawulo lweentlekele ukuze anike inkxaso kuluntu oluchaphazelekayo.
Eli phondo lijongene nemozulu ephazamisayo kwezi ntsuku zimbalwa zidlulileyo, nto leyo ebangele ukuba kubekho izantyalantyala zemvula.
Amawaka aye afuduswa aza ahlaliswa kwiiholo zasekuhlaleni.
Abahlali baseKariega baphakathi kwabo bacela uncedo.
Inkokeli yabahlali uHaylee Gee uthe, “Okwangoku iiholo zoluntu zigcwele ngokugqithisileyo kwaye sinabantu abamalunga nama-400 kwiholo nganye.
“Ezi holo bezigcwele kakhulu kwaye akukho nto banikwe yona aba bantu ngaphandle kweemethi neengubo zikaGift of the Givers.
“Okwangoku andiyazi indlela eya phambili kuba sigcwele abantu kwaye abantu bahleli bengenambane ukusukela oko kwaqala izikhukula”.
“Izinto azihambi ngendlela ngoku kwaye urhulumente kufuneka enze isicwangciso sokuthatha aba bantu kuba sinoomama abaneentsana ezisanda kuzalwa kwaye sihleli singenambane wokunceda nabani na apha”.