Itumente ebibanjelwe kumabala akwaSaki eXesi ibeyimpumelelo kakhulu. Kude kwafikelelwa esiphelweni ngomhla wokuqala kwekaTshazimpunzi kungekho ziphazamiso zemilo erhabaxa nanjengoko bekukade kubakho iziphazamiso kulamabala. Liphumelele emagqabini iqela lebhola ekhatywayo elaziwa njengokuba yi-Young Brothers liphumelela ngamanqaku amahlanu kwamane (5-4) kumapenalty ekubeni ibiqubisana neqela i-Mzokhanyayo kwimidlalo yokugqibela (finals).
Kwakude kudala amabala alelali ayegcwala ngexesha lepasika naxa kuphela unyaka phambi kokuba kubekanti kungena umkhwa weziyobisi kumakhwenkwe kwakunye noobhuti abakhoyo ezilalini. Letumente neyaziwa ngokuba yiSiphamandla Saki Tournament siyiqaphela kwityeli lesibini apho kubonakele ukuba abadlali kwakunye nabahlali babonakalise umdla kakhulu.
Bekukuhle kunjeya kumabala alelali egcwele ingulowo ezokujonga iqela elizakuthi liphumelele. Eminye yemiceli mngeni ababejongene nawo kukungabinawo amanzi kulamabala ntoleyo ibisenza ukuba abadlali basebenzise kumatanki emizi ekufutshane nebala kodwa kwavakala isankxwe nakumakhasi onxibelelwano abahlali besithi nawo la amanzi ekukhiwa kuwo ngababadlali baxhomekeke kuwo xa anokuthi aphele akukho apho bangajonga khona.

U-Xola Ncete ongumhlali walelali yakwa Saki uthe ekuboneni ubunzima bokungaphumi kwamanzi ezitepini nokukhala kwabahlali ngamatanki abo wabona ukuba afake isandla ngokuthi akhe apho kwakhe amanzi ngedram azokubeka emabaleni ukuze wonke umntu abenokusela amanzi osebaleni athi wokuphela aphinde ayokuwakha. UKhanyisa Tshaphu nongumququzeleli walemidlalo uthe ngunyaka wesibini lo bebamba letumente “imiceli mngeni ke esisenayo zimeko nendlela amabala ethu angayo, iipali sizibopha oko kuba sakhe sacela kuceba no World Vision sancedakala ku World Vision ngokubiyelwa amabala wathi uzakuthi abuye ke azokusibonelela ngeepali.
Amanzi nawo asinawo kodwa ngoncedo lwabahlali kukho utata osincedayo ngawo kwaye siyabulela kakhulu” uqhube esithi abakafumani nolunjani uncedo kumasebe karhulumente ncakasana iSebe leZempilo esithi abanazo nee-ambulance xa umntu ethe wonzakala basebenzisa iimoto zabo ukubasa kuncedo lokuqala eXesi kwakunye ne Sebe leZemidlalo ukuze nabadlali abakhasayo babenokukhuthazeka. Ngethuba kugqityezelwa letumente kuye kwachongwa abadali abathe badlala baqaqamba ngokomdlalo bedlala ngokuzimisela kuletumente.
Kubadlali abancinci (under 15) kuchongwe u-Iminathi Nyweba welali yakwaNgwenya eXesi ze kubadlali abadala kwachongwa u-Sinokhanyo Sirayi waseNjwaxa eMachibini eXesi. Ngethemba lokuba letumente izakuthi iqhube ibheke phambili uSiphamandla Saki khange simfumane sibenodliwano ndlebe naye malunga neziphumo kodwa ngethemba lokuba kwithuba elizayo sizakumfumana. Baninzi abazali abancomileyo bethetha ngaletumente kumakhasi onxibelelwano bebulela lo ka Saki ngokuthatha ithuba ukuvuselela imidlalo kulamabala.