KUTHENI NINGAFUNI NDIBONE UMZIMBA

Umsindo utsho kuqala kumakhasi onxibelelwano emva koshicilelo oluthe ndiii kulamakhasi, apho uBusisiwe Mvimbani ongumzali womntwana oyintombi oneminyaka elishumi elinesine owathi walahleka kunyaka ka 2022 ngo April.

Kolushicelelo uMvimbani ucacisa indlela awalelwa ngayo ukubona umzimba owaziswa ngamapolisa ukuba uthe wacholwa nalapho waleqa kwizikhenckezisi ukuyofanisa, kodwa ngeshwa zange avunyelwe enkqunkqa ebuyelela de kwabe kwanti ngunyaka ka 2024 apho axelelwe ukuba imizimba yonakele ngoko akazokwazi ukufanisa.

Namhlanje umhla weshumi elinesithathu kweyoMqungu kulo umiyo, ubuyele ukuyokubona imizimba emva kothethathethwano lwa ngoLwesihlangu umhla wesishumi kle yoMqungu ka 2025, apho bavumelene nabesebe lezeMpilo namapolisa ngelokuba izikhenkcezisi zizocinywa ze ngalomhla wanamhlanje abuyele ukuyokujonga kodwa intliziyo yakhe ayixolanga uphume elila etyhola ngelithi uboniswe imizimba engeyiyo, ukwatyhole ngelithi luninzi utshintsho olwenziweyo malunga nalomzimba ebefuna uwufanisa.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *