Isithethi sesebe lezothutho eMpuma Koloni u-Unathi Binqose ungqinile ukuba abantu abathathu babhubhile ngelixa abanye abathandathu bonzakele kwingozi yemoto kwindlela uR63 ngaseDebe Nek, ngaphandle kwaseQonce esingise eDikeni, emva kwemini ngoLwesibini umhla wamashumi amabini kweyoMqungu.
Ngokwengxelo kaBinqose le ngozi yenzeke ngentsimbi yeshumi elinesithandathu ekuseni nalapho ibandakanya iiveni ezimbini zohlobo lweToyota ebezisuka eMiddledrift kwakunye neToyota Corolla ebezisuka eQonce. Enye yeeveni ibithutha abasebenzi bakwaFidelity Security, ngelixa enye ithwele imfuyo.
Amadoda amathathu awayekhwele kwiveni yemfuyo afumana umonzakalo wokubhubha. Amaxhoba enzakele asiwe kwisibhedlele saseGrey eQonce ukuze afumane unyango.
Unobangela wale ngozi uyaphandwa, kwaye ityala lokubulala ngokungenanjongo kwanelokuqhuba ngokungenankathalo livuliwe kwisikhululo samapolisa iChungwa eDebe.