Isibini kulindeleke ukuba sivele kwiNkundla kaMantyi e-Ogies eMpumalanga ngoLwesine ngezityholo zokuqeqesha umntwana kunye nokudlwengula ngokusemthethweni, ezibandakanya intwazana eneminyaka elishumi elinesihlanu ubudala.
Isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Jabu Ndubane uthi inkosikazi eneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala kunye nesithandwa sakhe esinamashumi amathathu anesithathu (33) baseluvalelweni ukusukela oko bebanjwe ngobusuku bangoMvulo.
Uthi umama wexhoba wahlaba umkhosi waze wayokuxela emapoliseni, echaza ukuba esi sibini samkhuthaza, samyalela saze samcenga umntwana wakhe ukuba alale namadoda aliqela kumatyotyombe aseOyco.
UNdubane uthi uphando lokuqala ludize ukuba ixhoba liyalazi le nkosikazi, nanjengoko lalisoloko lichitha ixesha elithile kule ndawo nabahlobo balo.