Iphulo elilungelelanisiweyo langoLwesithathu, umhla weshumi kweyoMsintsi ka-2025, nelikhokelwa yi-DPCI yaseMonti i-DPCI, ixhaswa liQela eliLandela umkhondo waseMonti, i-TRT yaseMonti, i-Provincial Crime Intelligence, i-Amathole District Crime Intelligence kunye neqabane labucala iGuardian Defence Security lithe labhangisa ngempumelelo iqela elinobundlobongela lokuxhwila. Kubanjwe imipu emihlanu.
Esi sehlo siqale kuhola wendlela uN2 kufutshane neFama iKat Kat phakathi kweQonce nePeddie, eMpuma Koloni, ngethuba kutyholwa ukuba amaxhoba amabini agalelwa yimoto emhlophe. Abarhanelwa badubule, bavala isithuthi samaxhoba kwaye bawanyanzela ukuba abalekele kumatyholo akufutshane. Elinye ixhoba laqhwesha ngelixa elinye laxhwilwa.
Ngomhla wesibhozo kweyoMsintsi 2025, abaqweqwedisi bafuna intlawulelo kusapho lwexhoba. Xa ixhoba lingakhululwa, ooKhetshe baye baqinisa uphando lwabo. Ngomhla weshumi kweyoMsintsi ka-2025, iqela elisebenzayo laqhuba umsebenzi wobuchule owakhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa abathathu, ukufunyanwa kwezibhamu ezimbini kunye nokwandiswa kwenkqubo eDikeni apho ummi wase-Ethiopia wafunyanwa ebanjiwe.
Kule ndawo yokuzifihla abarhanelwa badubule kumagosa. OoKhetshe kunye namaqabane abo babuyisele umlilo ngendlela elawulwayo kwaye banciphisa abarhanelwa abathathu abaxhobileyo. Akukho basebenzi bomthetho abathe bonzakala. Kwafunyanwa imipu emithathu eyongezelelweyo, nto leyo yenza ukuba iyonke ifikelele kwisihlanu sezixhobo ezingekho mthethweni.
Abarhanelwa ababanjiweyo baza kujongana nezityholo zokuxhwila, ukuzama ukubulala nokuba nemipu engenampepha-mvume phakathi kwamanye. Bazakuvela phambi kweNkundla kaMantyi yasePeddie ngoMvulo, umhla weshumi elinanye kuSeptemba 2025.