OoKhetshe eMpuma Koloni bathi abarhanelwa ababini babanjiwe malunga nokuxhwilwa kwenkosikazi yaseKariega eneminyaka engamashumi asixhenxe anesithathu emva nje kokuba ikhululwe yaya kumanyana nosapho lwalo.
Isithethi sooKhetshe ephondweni, uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, kwingxelo yangoMvulo, uthe iqela “lifumene isixa esikhulu semali esingachazwanga, iimoto ezimbini kunye nemipu emibini ekurhaneleka ukuba isetyenziswe kwisiganeko sokuxhwila kwaye baye babanjwa ukuze baqhubeke nophando.”
Uthe abarhanelwa, abaneminyaka engamashumi amabini anesithoba (29) namashumi amathathu ananye (31) ubudala, bazakuvela kwinkundla kamantyi yaseKariega ngokwahlukeneyo ngoLwesibini nangoLwesithathu.
UTheresa Minnie waxhwilwa ngomhla weshumi elinanye kule yeThupha ngamadoda amabini abarhanelwa abamvalela indlela ngesithuthi xa wayeshiya ikhaya lakhe kwisitalato iCrocus eKariega.
“Kwangolo suku lunye, kutyholwa ukuba kwafunwa intlawulelo ngabarhanelwa, lo mcimbi wagqithiselwa kooKhetshe ukuba bawuphonononge.
“Kuye kwaqhuba uphando, (kwaye) ngenxa yoxinizelelo olwalusenziwa liqela lamacandelo ngamacandelo abangela ukuba ixhoba likhululwe ngomhla weshumi elinesithandathu kweyeThupha, nalapho lafunyanwa kufutshane nesikhululo samapolisa saseKariega lingenzakalanga kwaye limanyana nosapho lwalo,” utshilo uMhlakuvana.
Uthi kwenziwe iphulo lobuntlola, nelikhokelele kumakhaya abarhanelwa kwiindawo ezahlukeneyo eGqeberha apho bathe babanjwa.
Intloko yeeHawks kweli phondo uMboiki Obed Ngwenya uncome igqiza eliphandayo ngokuqinisekisa ukuba abarhanelwa bavalelwe ngaphaya kwezitshixo.