KUBANJWE ABARHANELWA ABABINI MALUNGA NOKUQHUSHUMBA OOMATSHINI BEMALI (ATM) E-DIMBAZA

Abahlali based baseDimbaza bathi sele iyinto eya ibasisiqhela umba weziqhushimbisi, nanjengoko ibingaqali ngentseni yangoLwesihlanu, umhla wamashumi ababini anesibini KweyeThupha. Ukanti abakwa forensic bebeqokelela ubungqina kwindawo yesehlo ukuze kuncediswane nophando malunga nesisiganeko.

Kubanjwe abarhanelwa ababini kulandela ukuphangwa kweshishini nokuqhushumba kweATM kwivenkile enkulu iYeyenu eDimbaza ngentsen yangoLwesihlanu.

Amapolisa athi abarhanelwa abaxhobileyo baqhushumbise ii-ATM ezine ngaphakathi evenkileni, ngelixa abantu abane base-Ethiopia belele ngaphakathi bakwazile ukuqhwesha bengenzakelanga, neekhatriji ezininzi ziye zafunyanwa kwindawo yexhwayelo.

Othethela amapolisa uBrigadiya uNobuntu Gantana uthi esi sehlo senzeke ngentsimbi yoku-1:00 kusasa.

Omnye umrhanelwa ubanjwe kufutshane noRhayi kuhola wendlela uN2 osingise eMakhanda, nalapho amapolisa afumana khona iziqhushumbisi, imali enamabala e-inki kunye nemoto yohlobo lweToyota RunX eluhlaza.

“Ekufumaneni le ngxelo uMphathi wesiKhululo saseDimbaza ekunye namalungu eCrime Prevention Unit (CPU) kwakunye namalungu eZiko leNkonzo yoLuntu (CSC) bakhawuleza basabela, ekufikeni kwabo, abarhanelwa bebesele bebalekile behamba ngemoto ezintathu ezisingise kwicala laseQonce.

Uthe ngelixa amapolisa esaqhuba ulwaphulo-mthetho lokuqala, isiganeko sesibini sabikwa kufutshane nommandla waseRhayi kuhola wendlela uN2 osingise eMakhanda.

“Amapolisa aqhubele phambili ukuya kwindawo apho umrhanelwa ebebanjwe ngamalungu omkhosi wamapolisa aseMdantsane kunye neQonce Flying Squad, elo qela lafumana iziqhushumbisi kwakunye nesixa semali esingachazwanga esingcoliswe yi-inki yokhuseleko.

UBrigadier Gantana uthi umrhanelwa wesibini uye wabanjwa eKomani enamanqaku angakumbi ngethuba esendleleni eya eGoli.

“Umrhanelwa ufunyenwe eneemali ezimdaka ekurhaneleka ukuba zezezinto ezibiweyo, ebesendleleni eya eRhawutini ngethuba ebanjwa.

UGantana uthe kuphuhliso olunxulumeneyo, amapolisa aphinde afumana iVolkswagen Polo ebomvu ebishiywe kufutshane neTamara emva kwengozi.

“Imoto yohlobo lweVolkswagen Polo ebomvu, ekukholelwa ukuba ibisetyenziswa ngabarhanelwa ababalekayo, ifunyenwe ishiywe kufutshane naseTamara emva kokufumana ingozi.

Uthe amalungu eTamara Vispol akhusele indawo yexhwayelo, ngelixa iPublic Order Policing (POP) kunye neeyunithi zobuNhloli boLwaphulo-mthetho ziqhubeka nokulandela umkhondo wabarhanelwa abaseleyo kunye nemoto yesithathu yokubaleka.

Omnye wabarhanelwa obanjiweyo yindoda enamashumi amahlanu anesithathu ubudala. Aba babini bajongene nezityholo zokuphanga ishishini, ukuzama ukubulala, ukuphanga ngompu, kunye nokwaphula umthetho weziqhushumbisi.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *