Njengenxalenye yokuphucula amathuba anika umdla kubantu besixeko esimbaxa, uSodolophu olawulayo weBuffalo City Metro uCllr. UPrincess Faku ekunye namalungu eKomiti kaSodolophu wesiXeko kunye ne-Arhente yoPhuhliso kuMasipala ombaxa (Buffalo City Metropolitan Development Agency) batyikitye isivumelwano sokuQonda (i-Memorandum of understanding) kunye ne-Arhente yoPhuhliso kuMasipala ombaxa waseBuffalo City (BCMDA) kunye neNtloko yabaThunywa kwisiXeko saseJinhua, uChongile Zhu ukomeleza ubudlelwane phakathi kwezi zixeko zimbini kunye nokuphucula imeko yezoqoqosho yesixeko.
Esenza amazwi okwamkela kule ntlanganiso, uSodolophu uthe: “Njenge-BCMM, siseke inani lobudlelwane obuyimbali nezixeko zase China.” Ubudlelwane kunye neSixeko saseJinhua bubuyela emva ngo-1998, ngo-2000 ibhunga elalisakuba yi-King Williams Town Transitional Local Council laseka intsebenziswano neSixeko saseJinhua kwiPhondo laseZhejiang. Sineqela labathunywa abasindwendwele besuka kwisixeko saseJinhua,” utshilo uFaku.
Usodolophu ukwaqaqambise ukuba ukusukela ngo-2017 iMetro ithathe inxaxheba kwiprojekthi yeHomestay. IProjekthi ejolise ekwandiseni ubuhlobo phakathi kwezixeko ezinkulu kunye nokutyebisa utshintshiselwano ngenkcubeko kunye nokugcina indalo yemveli, inkcubeko, imbali yeelali zayo zasemaphandleni.

“I-BCMM ibixhasa le nkqubo kwaye ukuza kuthi ga ngoku ithumele ulutsha okanye abafundi abangangamashumi amabini ananye ukuba bathathe inkxaxheba kwinkqubo yokuhlala ekhaya, njengoko sonke siyazi ukuba idyunivesithi yaseZhejiang Normal University yaqala ukufumana abafundi bexesha elifutshane bezizwe ngezizwe eChina ngeminyaka yoo-1980. Lithuba lethu singu-BCMM ukuba sithathe eli nyathelo sisenze sisebenzele isixeko sethu,” utshilo uSodolophu. Eqhuba okaFaku uthe iSixeko sineekhampasi neekholeji ezimbalwa. Oku kuthetha ukuba ngamawaka abafundi abahlala kwisiXeko sabo nabafunda abakula maziko eMfundo ePhakamileyo.
UPrincess ukwame ngelithi abafundi bayawadinga amathuba emisebenzi emva kokuphumelela kula maziko. Uqhube wathi iMetro iphaya ukuze idlale indima yayo ekudaleni loo misebenzi kwaye ngaphandle kwentsebenziswano efana nale, la mathuba mancinci.
UMphathi wesiXeko uMxolisi Yawa, uMmandla woPhuhliso lwamaShishini eMonti (IDZ) uSimphiwe Kondlo, iNtloko yeCandelo loLawulo (iHOD) kwiNkonzo yeNkxaso yesiGqeba uNcumisa Sidukwana, iHOD yoPhuhliso loQoqosho nee-Arhente uNoludwe Ncokazi, uMphathi Jikelele (GM) wezoNxibelelwano, uBudlelwane baMazwe ngaMazwe (IR). ), i-Inter-Governmental Relations (IGR) kunye neNkqubo eziZodwa u-Ondela Mahlangu kunye noMphathi weNtsebenziswano yoPhuhliso kunye noBudlelwane baMazwe ngaMazwe uDarby Gounden nabo babekhona kule ntlanganiso.