Amapolisa eMpuma Koloni athi ixhego elinamashumi amathandathu anesine (64) livalelwe eluvalelweni ngobusuku bangoMgqibelo emva kokuba ixhegokazi lidutyulwe labhubha kwilali yabadla umhlala-phantsi.
Intengiso
Skrola ukuze uqhubeke
Isithethi samapolisa ephondweni, uBrigadiya Nobuntu Gantana, uthe “umrhanelwa uye wazibonakalisa ngokuzithandela kwii-ofisi ze-SAPS Kabega Park ngoMgqibelo, malunga nentsimbi ye-09:30, apho athe wazityand’ igila ngokudubula ibhinqa elineminyaka engama-87 ubudala.
Uthe amapolisa akhawuleza asabela kwindawo yexhwayelo eSherwood Retirement Village, apho umzimba wale nkosikazi ufunyenwe kwigumbi lokulala unamanxeba amaninzi okudutyulwa entloko.
“Uphando lokuqala lucebisa ukuba udubulo lwenzeke kubusuku obungaphambili, ngoLwesihlanu, umhla wama-22 ku-Agasti 2025, malunga nentsimbi ye-22:00.
“Umpu wokuzingela, ekukholelwa ukuba sesona sixhobo sisetyenzisiweyo kwesi sehlo, uthathiwe ngamapolisa ukuze enze uhlolisiso ngokomthetho,” utshilo uGantana.
Uthe le ndoda iza kuvela enkundleni ngexesha elifanelekileyo ngetyala lokubulala.
“Isizathu sohlaselo asikaziwa okwangoku kwaye siyinxalenye ebalulekileyo yophando oluqhutywa yiSAPS Kabega Park,” utshilo.