ISEBE LEMFUNDO ESISISEKO LIYABONGOZIWE UKUBA LIPHINDE NGENTENGISO YEZIPHUMO ZEMATRIKI

Itshantliziyo lezemfundo uHendrick Makaneta umemelele isebe lezemfundo esisiseko ukuba lenze uphando lwangaphakathi ngokukhawuleza emva kwezityholo zokuba kukho iziko labucala elithengisa iziphumo zebanga leshumi.

Oku kulandela ingxelo kumakhasi onxibelelwano etyhola ngelithi iziphumo zithengiswa kwi-intanethi nge-R100.

Isebe alikaphenduli ngezityholo.

UMphathiswa weMfundo esiSiseko uSiviwe Gwarube uza kubhengeza ngokusesikweni iimviwo zebanga leshumi zonyaka ka 2024, nanjengoko enethemba lokuqhubekeka ukuphucuka kwezinga lokuphumelela likazwelonke. Lo msitho uza kubanjelwa kwinkonzo yaseMosaiek eRhawutini.

Bangaphezu ko-900 000 abafundi bematriki abahlalele iimviwo zabo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, esiquka abafundi abasisigxina nabangesosigxina abasuka kuwo osithoba amaphondo ngo-2024.

UMakaneta uthi ukuba zinyani ezi zityholo, mazisonjululwe ngokukhawuleza ukuqinisekisa abemi boMzantsi Afrika ukuba imfundo ihleli ikhuselekile.

“Imeko ibangela inkxalabo enkulu. Ukuba yinyani, oku kuthetha ukophulwa kokhuseleko lwedatha kunye nokunyhashwa kwamalungelo abafundi okuba nezinto zabucala. Ukuthengiswa kweziphumo, nokuba kusemthethweni okanye akunjalo, kujongela phantsi ukuzithemba koluntu kwinkqubo yemfundo kwaye kubeka ukuthandabuza kwisakhono seDBE sokukhusela iinkqubo zayo. Ngenxa yolu phuhliso, sibongoza i-DBE ukuba iqhube uphando lwangaphakathi kwaye icele iCandelo loPhando eliKhethekileyo ukuba lingenelele ukuqinisekisa ukuba izinto ziselubala kunye nokuphendula.”

Ukukhutshwa kwezi ziphumo namhlanje kuza emva komlo wenkundla phakathi kwesebe lezemfundo, iInformation Regulator kunye neAfriForum malunga nokukhutshwa kweziphumo kumaphephandaba.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *