UGunyaziwe wamaZibuko kaZwelonke wakwaTransnet (TNPA) uphawule ngokusesikweni ulwakhiwo lweprojekthi yokwakhiwa ngokutsha kweLatimer’s Landing exabisa iR147-million kwizibuko laseMonti – oku kumiselwe ukukhulisa ukhenketho nemisebenzi yaseMonti neMpuma Koloni ngokubanzi.
NgoLwesibini, umhla wama21 kweyeDwarha 2025, bekukho umsitho wokuphethulwa kwesoyi apho uMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, ebephakathi kwamagosa aphezulu ebekho njengeNgqonyela yendawo yoPhuhliso lwezoShishino (IDZ) lwaseMonti, iNgqonyela yeQumrhu loPhuhliso eMpuma Koloni (ECDC) ukubalula abambalwa.
Ethetha kulo msitho uNqatha uthe: “Oku kuvuselelwa kweLatimer’s Landing kwenzeka kamsinya nje emva kophuhliso lwezibuko laseMonti elandiswa ukuze kumise iinqanawa ezinkulu. Ndiqinisekile ukuba uphuhliso lwezibuko laseMonti kunye nokwakhiwa kweWaterfront kuya kubeka iBuffalo City Metro njengendawo enokhuphisana nezinye [iindawo] kwihlabathi.”
Le ndawo yaziwa njengelifa lemveli yaselwandle kwaye uphuhliso luya kuyenza indawo yokuzonwabisa kunye nokhenketho. Ibambela loMlawuli oyiNtloko weTNPA, uPhyllis Difeto, uthe utyalomali luyinxalenye yeqhinga leTransnet Reinvent for Growth Strategy, ejolise ekuzinziseni ishishini logama iqhuba ukukhula koqoqosho lwengingqi.
UDifeto uthe olu phuhliso lubonisa indlela entsha kuqoqosho lwaseMpuma Koloni ngokuxhasa amashishini okongeza ixabiso. “Ihambelana nenjongo yethu yeqhinga lokubeka izibuko kwindawo yecandelo lezokhenketho ngokudibanisa imisebenzi yamazibuko kunye nemarike yolonwabo,” utshilo.
Kuthiwa eli ziko liza kuphuculwa liza kuvula indlela yamaphulo amatsha orhwebo, aquka iindawo zokutyela, iindawo zokuzonwabisa kunye namaziko okhenketho ayilelwe ukutsala abakhenkethi kule ndawo.
Ukwakhiwa kweLatimer’s Landing sele kuzele amaduna namathokazi njengoko ukususela kule nyanga yeDwarha ka2025 kudalwe imisebenzi engama44 yasekuhlaleni. Kukho malunga nama55 ewonke amathuba engqesho alindelekileyo kwisithuba sokwakha seenyanga ezingama24, ukwakhiwa kufikelela esiphelweni kwinyanga kaTshazimpuzi ka2027.
“Le projekthi ibonisa ukuzinikela kwethu kuhlumo oluqukayo,” utshilo uDifeto. “Ngokuthengwa kwempahla evela kule ngingqi kunye nophuhliso lwezakhono, sijolise ekuqinisekiseni ukuba inzuzo yophuhliso olukhokelwa leli zibuko kwabelwana ngayo kunye noluntu olungqongileyo.”
Ikhontraktha ephambili yale projekthi iStefanutti Stocks izibophelele ekusebenzisaneni namashishini amancinci, (SMMEs) asekuhlaleni ukuze kudalwe amathuba oshishino nokuqhuba ukukhula okubandakanyayo kulo mmandla.
