NGQELENI- Kwisithwakumbe sesehlo esenzeke kwilali yaseNdulwini eNgqeleni, iingxelo zidiza ukuba umakazi wentwazana engasekheyo kutyholwa ukuba ubulele intombi kadade wabo.
Iingxelo zibhentsisa ukuba umakazi kunye nomhlobo wakhe babophe lentwazana uInganathi Mphathi(20) bambophe iinyawo kunye nezandla bandula ukumfaka ilaphu emlonyeni bamxhela emveni koko bayokumphosa emaweni.
Umzimba walentwazana ufunyenwe ngomhla we-24 kule imiyo nanjengoko wayelahleke ngomhla wesiXhenxe kwakule imiyo.
Ukuzokuthi ga ngoku umakazi ungapha kwezintsixo ukanti umhlobo wakhe usagcwelwe amathafa.
Ukanti unobangela wesizekabani usemfiliba.