Inqununu yaseKapa eyagxothwayo ngenxa yokwala ukuvula isikolo sayo ngexesha lobhubhane we-COVID-19 iliphumelele ityala layo lokubuyiselwa emsebenzini.
Lo mba uqale kwinyanga yoMsintsi kunyaka ka 2020, xa iSebe leMfundo leNtshona Koloni lakhupha umyalelo wokuba iingcango zokufunda maziphinde zivulwe ngokusetyenziswa kwemigaqo ye-Covid 19.
UWesley Neumann, inqununu yeSikolo samaBanga aPhakamileyo saseHeathfield, wawugatya lo myalelo, ecaphula iinkxalabo zokhuseleko lwabafundi bakhe nootitshala.
Wabekwa ityala lokuziphatha kakubi.
Iinkqubo zoluleko zaqala kwaye uNeumann wafunyanwa enetyala lezityholo zokuziphatha kakubi ezithandathu kwaye wagxothwa ngekaCanzibe kunyaka ka 2022
Imibutho eliqela yema ngakuye, kuquka abafundi nabafundisi-ntsapho.