Isigwebo sigciniwe kwityala elijongene nenkokeli yeEconomic Freedom Fighters (EFF) uJulius Malema kunye nowayesakuba ngunogada wakhe, uAdriaan Snyman.
Esi sibini sivelile phambi kwenkundla kamantyi eMonti ngoMvulo umhla wamashumi amabini ananye kweyeKhala, nalapho abamangalelwa kunye noMbuso benze iingxoxo zokugqibela.
Aba babini bajongene namatyala amaninzi anxulumene nokukhupha umpu esidlangalaleni kumsitho wokubhiyozela iminyaka emihlanu ye-EFF kumabala emidlalo iSisa Dukashe eMdantsane, ngo-2018.
Ngexesha lenkqubo ngoMvulo, igqwetha elikhuselayo licebise ukuba ividiyo ebonisa uMalema edubula umpu ozenzekelayo emoyeni inokuba yenziwe ngobukrelekrele bokwenziwa.
Kungekudala emva kwendibano ye-EFF, kuye kwavela ividiyo kwi-intanethi ebonisa uSnyman enika uMalema umpu ozenzekelayo (automatic rifle), nalapho inkokeli ye-EFF yawudubula emoyeni.
Embindini weli tyala kukuba ingaba loo vidiyo iyinyani.
U-Advocate Shane Matthews, omele umlindi, uthe ukukhohlisa le vidiyo nge-AI akunakukhutshelwa ngaphandle.
“Kulula kakhulu ukuba ezi ntlobo zeevidiyo zenziwe kwaye zifakwe kumakhasi onxibelelwano. Anditsho ukuba le yenziwa ngolwa hlobo, kodwa into endiyithethayo phambi kokuba inkundla yomthetho ixhomekeke kwinto enje, ayisiyovidiyo yoqobo esiyibonayo, yividiyo ekhutshelwe kumajelo oluntu.”
UMatthews uthe urhulumente khange akwazi ukuyingqina le vidiyo ngokufumana umntu owayeyithathile ekuqaleni.