Imbuyekezo yeR50 000 Kubani Na Onolwazi Ngokufa kukaSiyolise

MTHATHA- Usapho lwakaNgqongwa linikezela ngembuyekezo yeR50 000 kubani na onothi eze ngaphambili nenkcukacha ezithe vetshe ngokwenzeka kunyana wabo uSiyolise Gift Ngqongwa.

USiyolise wagetyengwa ngomhla wama-28 kweyoMnga 2024, wahlatya amanxeba amathathu walishiya eli limagade ahlabayo.
Wabonwa ekuzeni kusa umzimba wakhe udandalazile ugxiza igazi.

Esi siganeko senzeka kwisitalato sasePhondo ngaseNgangelizwe kwaye abenzi bobubi abakaziwa kunanamhlanje.

Lo mfo ebengumfundi webanga leshumi kwisikolo samabanga aphakamileyo eZimele kwaye ungomnye wabantu abagqwesileyo kwiziphumo zikamatikiletsheni.

Amapolisa acela nabani na onolwazi ngesi siganeko aze ngaphambili ukuze kubanjwe abanqevu abenza lentlekele kwaye azifumanele neR50.000.

Umntu onolwazi angaxhumana nolungu losapho ku-078 777 3174 okanye atsalele umnxeba Amapolisa ku08600 10111.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *