IMBETHI MANQINDI IKHUPHE UMAMAWAYO ETYOTYOMBENI

MONTI -Umpondo zihlanjiwe wembethi-manqindi yaseMonti uPhumelele Cafu(27) uthe jize unina wakhe ngombhaza-bhaza wendlu exabisa isixa semali esingange R2.2 Million.

UCafu esifa yimincili uthethe wenjenje, “Seli ilixesha elide eli umama wam ehlala etyotyombeni kwaye bendifuna ukumkhupha, iminqweno yam ibikumthengela indlu eRhawutini eSandton kodwa ndiye ndacinga ukuba iingcambu zakhe zilapha eMonti.”

Ukongeza uCafu uthe uyaziqhenya ngesigqibo asithathileyo kwaye khange alibale apho asuka khona.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *