Umphathiswa kwisebe lezothutho uXolile Nqatha ubongoze abaqhubi ezindleleni ukuba bachule unyathela. Oku kuza emva kwengozi embi neyethe yasuba imiphefumlo,kle yeNkanga.
Isebe lezothutho eMpuma Koloni lithi libuhlungu kakhulu ngelahleko elusizi yabantu abalithoba kwiindlela zephondo ngoMvulo nje kuphela.
Kwingxelo, isebe lithe iingozi ezintathu ezahlukeneyo, ezibandakanya ukungqubana ngeentloko kunye nokufa kwabantu abahamba ngeenyawo, “zifake iintsapho kwisijwili kwaye zaphakamisa inkxalabo malunga nokuziphatha kwabasebenzisi bendlela.”
Isithethi seli Sebe, u-Unathi Binqose, uthi eyona ngozi imbi yenzeke kuhola wendlela uN2 ngasePhakade ngethuba imoto yohlobo lweToyota Quantum ebigcwele yonke ingquzulana nemoto yohlobo lweVolvo.
Uthe abantu abahlanu babhubhele kwindawo yexhwayelo, logama abathathu bonzakele kakhulu kwaye babalekiselwe esibhedlele ukuze bafumane unyango olukhawulezileyo.
“Kwesinye isiganeko, umntu obehamba ngeenyawo uwiswe yilori erhuqwayo ku-40-Junction ku-R61 ngaseTsomo, wabhubhela kuloo ndawo.
“Kwangentseni enye ingozi eyenzeke ku-R63 ngaseMaqoma (eyayifudula isaziwa ngokuba yiFort Beaufort) yasuba imiphefumlo eyongezelelekileyo, nto leyo ibangele abantu ababhubhileyo abalithoba ngosuku,” utshilo.
Kusenjalo, uMphathiswa wezoThutho, uXolile Nqatha, uvakalise amazwi ovelwano kwiintsapho ezichaphazelekileyo watsho esithi mabatshintshe indlela yokuziphatha ngokukhawuleza kubo bonke abasebenzisi bendlela.