U-Anele Mda ongumzabalazi owaziwayo wesini kunye noluntu, umemelele ukuba kususwe u Chidimma Adetshina njengomdlali wokugqibela kukhuphoswano lukaMiss South Africa 2024.
UMda uye wabelana ngenkuthali ngezithuba ku Facebook, ebiza ukuba u Adetshina, igqiyazana laseMzantsi Afrika notata wase Nigeria, asuswe kukhuphiswano kuba “uMzantsi Afrika awungowabantu basemzini kwaye akukho mntu wase Nigeria oza kuboniswa apha”.
UMda, owayengumgqatswa ozimeleyo kunyulo lwakutshanje kwinyanga ka Canzibe ngomhla wamashumi amabini anesithoba, uye wabelana ngoluvo lwakhe oluye lwavakala ngamandla.