I SENEGAL IPHUMELELE KWI AFCON

Umdlalo wamagqibela kankqoyi we AFCON ububanjwe izolo umhla weshumi elinesibhozo kle yoMqungu ka 2026, kwibala lezimidlalo i-Prince Moulay Abdellah stadium apho I Senegal ibiqubisana ne Morocco.

I Senegal ithe yanesikhalazi ngakusompempe nalapho ibonakele iqhankqalazo emva kwesigqibo sokunikwa sika sompempe se penalty. 

Abadlali beSenegal bakhutshwe ebaleni beqhankqalaza emva kokuba iMorocco inikwe ipenelty emva komdlalo wokugqibela weAFCON. Ukubuya kwabadlali, uBrahim Diaz waseMorocco uphose ipenatly. UPape Gueye waseSenegal emva koko ufake inqaku eliphumeleleyo ngomzuzu wesine kwixesha elongezelelweyo

ISenegal iphumelele umdlalo ngexesha elongezelelweyo, njengoko uMane ephumelele isithsaba sakhe sesibini seNdebe yeZizwe zase-Afrika kwaye waqinisa ilifa lakhe njengomnye wabadlali abakhulu baseAfrika. UMane uthathe ibhanti lengalo kuKalidou Koulibaly kunye no-Idrissa Geuye ukuphakamisa indebe eRabat.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *