Unozakuzaku wasebukhosini waseNorway eMzantsi Afrika uGjermund Saether kunye negqiza lakhe batyelele uMasipala oMbhaxa weBuffalo City ngoMvulo umhl wamashumi amabini anesithoba kuTshazimpunzi.
Phakathi kwabo bebezimase iMasimanyane Women’s Rights International uLesley Ann Foster.
Utyelelo lwabo ibikukudibana noSodolophu weSigqeba uceba Princess Faku kunye neqela lezobudlelwane bamazwe ngamazwe eBCMM.
Egameni likasodolophu olawulayo uFaku, usodolophu obambeleyo uceba uYomelela Tyali uxelele igqiza ukuba bamkelwe eBCMM.
“Kuliwonga kum ukunamkela ngokunyanisekileyo kwesi sixeko sethu sidlamkileyo. Esi sixeko saziwa kwihlabathi jikelele njengeMecca yamanqindi eMzantsi Afrika. Ndamkela ngezandla ezishushu, ingakumbi ngeli xesha libalulekileyo njengoko uMzantsi Afrika ubhiyozela iminyaka engama-shumi amathathu enkululeko. Ubukho benu apha bunentsingiselo enkulu xa siqwalasela uhambo lwethu olusingise kwidemokhrasi nenkqubela phambili,” utshilo uTyali.
Uceba weBCMM uHumphrey Maxhegwana, uMMC uHelen Neale May kunye nomphathi jikelele kwiofisi kasodolophu olawulayo uMbasa Satyi
bebekho.
UTyali uthe nanjengoko isizwe sikhumbula amashumi amathathu eminyaka yenkululeko, uMasipala oMbaxa waseBuffalo City ume njengophawu lwenkqubela esele yenziwe ukukhuthaza uluntu olwakhelwe phezu kwemithetho-siseko yolingano, ubulungisa, kunye nedemokhrasi.
“Ukusuka kuluntu lwethu olwahlukeneyo ukuya kwilifa lenkcubeko yethu edlamkileyo, isixeko sethu siquka umoya wenkululeko nokomelela.
“Ukusukela ekuqaleni kwedemokhrasi, iBuffalo City izame ngokungakhathali ekukhuthazeni uluntu olusekelwe kwimithetho-siseko yolingano, ukungacalulwa, kunye nedemokhrasi,” utshilo.
“Isixeko sethu simi njengobungqina bokuthatha amanyathelo athathiweyo ekudaleni imeko-bume engenabuhlanga, engacaluli ngokwesini, nedemokhrasi.”
Uqhube wathi kwiinzame zokulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini, iBuffalo City isebenzisana nemibutho efana neMasimanyane Women’s International neminye emininzi.
“Sisonke, sizinikele ekwakheni iindawo zokuhlala ezikhuselekileyo apho abafazi nabantwana banokuphumelela ngaphandle koloyiko.Kwinkalo yezemidlalo, iBuffalo City iphambili kumdlalo wamanqindi, ivelise iintshatsheli zehlabathi kwaye ithe gqolo ikhulisa italente yolutsha.”
“Into enika umdla, sineembethi manqindi zabasetyhini abaninzi nasedolophini. Njengenxalenye yokuzibophelela kwethu kwinguqu kwezentlalo, sinqwenela ukusebenzisana nani ekukhuthazeni iimbethi manqindi eziselula zamazwe ngamazwe, ukukhuthaza ubudlelwane behlabathi nokugqwesa kwezemidlalo.”