Bagwetywe ubomi entolongweni kwinkundla ephakamileyo yase Bisho abahlali bakwa Ndindwa, abalishumi elinesihlanu ababulale amadoda amane kuhlaselo lwaseXesi eMpuma Koloni umntu ngamnye.
Aba babulali abagwetyiweyo baphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesithoba(29) ukuya kumashumi asixhenxe anesibini (72) bagwetywe kwiveki ephelileyo yilenkundla.
Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthi ngomhla wamashumu amathathu ananye kweyoMnga kunyaka ka 2022, abahlali bahlanganisana kumsitho wesintu nalapho babebambe intlanganiso, bethatha isigqibo sokuba abantu abarhanelwa ngobusela beentambo okanye izenzo zolwaphulo-mthetho ezinxulumene noko baza kohlwaywa luluntu.
Uthi ngenxa yoko, amadoda amane akhutshwa ngenkani emakhayeni awo aza abulawa. Ngethuba ewisa isigwebo, iJaji ithe kukho into ephazamisa kakhulu ngabantu abathathela umthetho ezandleni zabo.
Umtyholwa ngamnye ugwetywe ubomi entolongweni kumatyala amane okubulala, iminyaka esibhozo entolongweni kwityala ngalinye kwamane okuxhwila, kunye neminyaka emithathu entolongweni ngenxa yobundlobongela basesidlangalaleni.